Inkqubo kamabonakude ethandwa ngabantu, iBig Brother Mzansi iza kubuya kwakhona kunyaka ozayo kwaye iza kuqala ngeCawe, umhla we12 kaJanuwari 2025 ngentsimbi yesithandathu ngokuhlwa.
Le yisizini yesihlanu yale nkqubo kwaye umxholo wale sizini izayo uthi, Umlilo. Abavelisi bale nkqubo bathembisa abantu ukuba balindele ukhuphiswano oluphezulu, ukhuphiswano oluqatha, amaxesha angenakulibaleka, abantu abonwabisayo, kunye nedrama eshushu.
Bathi ngomxholo okhokelayo othi Umlilo, kule sizini ngaphandle kwamathandabuzo le nkqubo iza kuvelisa uhlobo lochulumanco oluthe lwathandwa ngabalandeli beBig Brother Mzansi.
Le sizini intsha iza kwamkela umsasazi omtsha wale nkqubo, uSmash Afrika, ongena ezihlangwini zikaLawrence Maleka oqhube le nkqubo iisizini ezimbini.
INtloko yezeNtengiso, uChristinah Mazibuko uthe: “UMzansi Magic uchulumancile ukuba noSmash Afrika njengomsasazi weBig Brother Mzansi kule sizini ezakutak’ iintlantsi.”
UMazibuko uqhube wathi, “Kusivuyisa kakhulu ukubuyisa iBig Brother Mzansi ukuba ibenesizini yesihlanu. Le sizini imalunga nokutyhala imida, kwaye ngomxholo othi Umlilo, siqinisekile ukuba siya kubanika ababukeli bethu ulonwabo olushushu, olungenakuphoswa.
“Ukusebenza noSmash Afrika njengomsasazi uthatha umfutho ukuya kwelinye inqanaba elitsha, kwaye asinakulinda ukubona indlela umtsalane wakhe ovuselela ngayo imililo ingakumbi endlini [kaBig Brother]. Iza kuba luhambo olungenakulibaleka.”
ILottoStar iya kubuya njengomxhasi ophambili wenkqubo. IGosa eliyiNtloko leNtengiso yeLottoStar, uMaria Pavli, uthe baya kuvuyela ukusebenzisana neBig Brother Mzansi kwakhona.
“Kuyasivuyisa ukusebenzisana neBig Brother Mzansi kwisizini yesihlanu – Umlilo. Njengenkampani, sizinikele ekuguquleni ubomi kwaye siya kuvuyela ukubuya sisebenzisane, sizisa idrama engakumbi, imincili, umlilo, kunye neempumelelo eziguqula ubomi kule sizini. Masibunyuse ubushushu, Mzansi,” utshilo uPavli.
Umsitho wokuvulwa kwale nkqubo uza kudlala kuMzansi Magic kwiDStv channel 161 ngomhla we12 kaJanuwari 2025 ngentsimbi yesithandathu ngokuhlwa ze emva koko, abantu bayonwabele le nkqubo edlala uhalala kwiDStv channel 198.
….